Let us know how it is going

Wamkelekile

Ngoku ubhalise ngempumelelo kwaye sele ukulungele ukuqala inyathelo lakho lokuqala kwinkqubo yokufunda enomdla kunye nezakhono. Le khosi iyakukubonelela ngezixhobo onokuzisebenzisa ebomini bakho.

Le khosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, ngokulandelana kokufunda kunye nokuzilolonga ekufuneka ukwenzile. Kwaye njengoko ikhosi iphela inayo yonke into efunekayo ngaphakathi kwayo ukusuka kwisingenisi sakho, ungangena, nangaliphi na ixesha ukuze uqhubeke ngeziqwenga zomsebenzi owunikiwe ukuba uwenze uwugqibe.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Inqaku Elibalulekileyo

Ngokwenza le khosi, qiniseka ukuba akugqithi gama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi.

Ukubhideka okanye ukungakwazi ukuqonda okanye ukufunda kuza EMVA kwegama ongalazanga intsingiselo yalo. Isenokungabi ngamagama amatsha nangaqhelekanga kuphela ongazange uwaqonde.

Enye yezona zinto zibalulekileyo kwisihloko sonke sokufunda kukuba ungaze ugqithe igama ongaliqondiyo.

Kwisifundo ngasinye osithathileyo wasishiya singagqitywanga, uyakufumanisa ukuba kukho amagama owafundileyo kodwa awazi ukuba athetha ntoni.

Ke ngelixa usenza le khosi qinisekisa ngamandla, okokuba awusoze ugqithe igama ungaliqondiyo ngokupheleleyo.

Ukuba le nto uyifundayo iyakubhida okanye kubonakala ngathi awuyiqondi, kuyakubakho iGAMA ngaphambili othe wangaliqondi.

Sukuya phambili, kodwa buyela umva apho NGAPHAMBI kokuba ungene engxakini kwaye ufumane igama ongaliqondanga ngokupheleleyo. Nanini na xa ubona igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi, unganqakraza kulo kwaye liza kukunika ngoko nangoko intsingiselo yeli gama.

Njengoko uqhubeka nekhosi, unganqakraza kwimenyu ephezulu kwiphepha ngalinye lwekhosi apho lithi "Glossary" (olu luluhlu lwamagama kunye neentsingiselo zawo) kwaye kuya kukusa kuluhlu lwamagama asetyenzisiwe kwikhosi kwaye ikunike intsingiselo yegama nganye.

Ukuba awulifumani igama olikhangelayo kwaye alidweliswanga kwi-glossary, fumana isichazi-magama esilula kwaye ujonge intsingiselo yalo apho.

Wamkelekile kwiKhosi Unobangela woXinzelelo kwi-Intanethi

Nanini na xa umntu esenza kakuhle aze athi ngesiquphe aqalise ukwenza kakubi, agule okanye aqalise ukwenza iimpazamo, sikhona isizathu ngqo soku. Ayisiso nje isiphelo (amandla athile afihliweyo agqiba ngento eza kwenzeka). Kukho into ebangele ukuba oku kwenzeke.

Ngendlela efanayo, xa umntu eziva onwabile kwaye ephumelela ebomini kwaye ke, ngaphandle kwesizathu esinokubonwa ngokulula, uqala azive ngathi akanakwenza nto njengoko enze ngaphambili kwaye ngoku ulusizi kwaye udakumbile ngakumbi rhoqo, umntu okanye into ethile yenze ukuba oku kwenzeke.

Usenokuba awuyibonanga, kodwa zimbini iintlobo zabantu eluntwini—ezinye enyanisweni zifuna ukuba wenze ngcono, ngelixa ezinye enyanisweni zisebenza nzima ukukwenza ukuba usilele. Aba bantu ababi bayayifihla into abayenzayo kwaye akukho lula ukubona ukuba wazi ukuba ubajonge njani. Kodwa bakhona ebomini.

Into ekudingeka ukuba uyenze kukubona kwaye wazi ukuba ngobani kanye kanye abahlobo bakho. Ngoobani abantu obaziyo, ohlala nabo kwaye osebenza kunye nabo abafuna ngokwenene ukuba wenze kakuhle kwaye ngoobani abantu abazama ukukwenza ukuba usilele? Xa ungawuphendula lo mbuzo kwaye ukwazi ukuba ubaphatha njani abantu abazama ukukuyekisa, ungaqala ukwenza ngcono kakhulu ebomini kwaye uzinze, uphumelele kwaye wonwabe kwakhona.

Iteknoloji ka L. Ron Hubbard kule khosi ikunika izixhobo ozidingayo ukuphatha unobangela woxinzelelo kwaye ikufundisa ukuba uzisebenzise njani.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

1.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Umntu Ongakufuni Ukwazintlalo

Ukuchasana- kuthetha ngokuchasene okanye okuchasene nento.

Ezentlalo kuthetha ukuba nento yokwenza nempilo nokonwaba kwabantu. Ikwathetha ukuba nobuntu okanye ukuphathana kakuhle nabanye.

Ukungafuni ukwazintlalo ichaza indlela yokuziphatha eyenzakalisa impilo nolonwabo lwabantu.

Ubuntu ihambelana neempawu zokuziphatha komntu, njengoko kuboniswa ngezenzo nangeengcinga zakhe.

Umntu Ongakufuni Ukwazintlalo, ke ngumntu ochasene naye nawuphi na umntu, umsebenzi okanye iqela elisebenza ukunceda abanye baphucuke.

Kukho iimpawu ezithile (ezilungileyo okanye ezimbi iimpawu umntu abonwa ngazo) ezibangela ukuba malunga ne 20 percent zabantu kakhulu ukuba bachasane nawuphi na umsebenzi okanye iqela elisebenza ukunceda abantu, libenze bhetele, bonwabe okanye babe nako ngakumbi. Abantu abanjalo baziwa ukuba banotyekelo ukungakufuni ukwazintlalo. Utyekelo yindlela umntu aziphatha ngayo ngenxa yokucinga kwakhe. Umzekelo, Umntu Ongakufuni Ukwazintlalo unetyekelo lokuhlala efumana impazamo komnye umntu.

Ulwaphulo-mthetho kunye nezenzo zolwaphulo-mthetho (ubusela, ukwenzakalisa abanye, udlwengulo, ukubulala, njl. njl.) yenziwa ngaBantu Abangakufuni Ukwazintlalo. Abantu abaphambeneyo kwaye abakumaziko ezengqondo bahlala befumanisa ukuba baphela ngaloo ndlela kuba banxibelelana nabantu abanjalo.

Njengoko besenza i 20 percent zabemi kwaye nje nge 2 ne half yepesenti kuphela sepesenti engamashumi amabini ziyingozi, ngokwenene, siyabona ukuba ngomsebenzi omncinci kakhulu, singenza okukhulu ukwenza ngcono iimeko zomhlaba wethu.

Xa sijonga unobangela weshishini elisilelayo, sifumanisa ukuba, kwenye indawo kubasebenzi bayo, Umntu Ogakufuni Ukwazintlalo usebenza nzima.

Kwiintsapho eziqhawukayo, sihlala sifumanisa ukuba Abantu Abangakufuni Ukwazintlalo bayabandakanyeka. Apho ubomi bomntu buye baba rhabaxa kwaye uyasilela, uphononongo olunononophelo luya kufumana omnye okanye abantu ngakumbi abanjalo emsebenzini.

Umzekelo, thatha indawo yokutyela esilelayo kwaye ephumayo kwishishini. Ayenzi imali eyoneleyo, kodwa kubonakala ngathi itsalela abathengi abaninzi. Sifumanisa ukuba umntu ophatha imali nguMntu Ongakufuni Ukwazintlalo. Ebesiba imali kwaye eyifaka epokothweni yakhe. Ukwafumana ingxaki nabasebenzi kwaye ebenza bazive ngathi abakwazi ukwenza imisebenzi yabo.

Okanye thatha usapho oluhlala kunye ngokonwaba kude kufike umntu ongumalume, onguMntu Ongakufuni Ukwazintlalo, oza kuhlala nabo. Usasaza iindaba ezimbi kwaye ufumana impazamo kwilungu ngalinye losapho yonke imihla. Usapho lonke luyacaphuka (kodwa abaqondi ukuba kutheni) kwaye baqala ukuxambulisana. Abantwana bagqiba ngokuthi baphume bayo kuhlala bodwa.

Njengoko kukho amashumi asibhozo eepesenti zethu ezizama ukusondelelana kwaye amashumi amabini epesenti kuphela azama ukusithintela ukuba singakwenzi oko, ubomi bethu bebunokuba lula kakhulu ukuba besizazi ngqo izibonakaliso zobuntu obunjalo. Kuba xa senze njalo, sinokubona ukuba ngubani na Umntu Ongakufuni Ukwazintlalo kwaye sizisindise ekusileleni nasekwaphukeni intliziyo.

Kubalulekile ke, ukuvavanya kwaye udwelise uluhlu lwempawu zoMntu Ongakufuni Ukwazintlalo. Iimpawu zezi zinto unokuziqonda ngomntu, ezinje ngezinto azenzayo okanye azithethayo, nendlela azithetha ngayo, nendlela aziphethe ngayo nabanye abantu. Kuba ke Umntu Ongakufuni Kwazintlalo ubangela ukwenzakala kakhulu kubomi bemihla ngemihla babaninzi, kuyimfuneko ukuba abantu abanesidima babe nolwazi olungcono ngalo mbandela kwaye babenakho ukuqonda Umntu Ongakufuni Ukwazintlalo ngokuziphatha kwakhe.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.