Let us know how it is going
7.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Iintsingiselo zaMagama aBalulekileyo

Umntu Oxinezelayo, okanye i SP, lelinye igama loMntu Ongakufuni Ukwazintlalo. Ungumntu osebenza ngalolonke ixesha ukwenza ocinezela okanye obambela phantsi (ukuxinzelela) abanye abantu abamgqongileyo. Umntu Oxinzelelayo uya kusebenza ukwenza omnye umntu angabaluleki ngokuthetha izinto ezimbi ngaye. Uza kuyeka nawuphi na umzamo wokunceda nabani na. Kwaye okona kubaluleke kakhulu, uya kuhlasela aze azame ukucinezela okanye atshabalalise nawuphi na umntu ocinga ukuba unokuba namandla okanye okrelekrele ngakumbi kunaye.

Indlela yoMntu Oxinzelelayo yonke yakhelwe phezu kwenkolelo yokuba angaba sengxakini xa nabani na eba bhetele, njengoko abanye benokuthi bamoyise kwaye bamenze ukuba angabinancedo.

Isakhono soMthombo weNgxaki, okanye i PTS, ngumntu onxibelelana noMntu Oxinzelelayo kwaye amenze mncinci kuye, ukuba ungubani, kwaye wenza ntoni ebomini bakhe. Umntu siSakhono soMthombo weNgxaki kuba uchaphazeleka kakubi nguMntu Oxinzelelayo.

Ezinokubakho kuthetha ukuba kunokwenzeka ukuba into ethile yenzeke. Ke iSakhono soMthombo weNgxaki ithetha umntu onokucaphuka kwaye enze ingxaki. Kwaye uyayenza nyani ingxaki.

Uxinzelelo kuthetha ukucinezela, ukuhlala, ukwenza ncinci, ukwala ukuvumela umntu ukuba afikelele kwaye andise umbono wakhe, ukwenza umntu angaqiniseki ngokufikelela kwakhe kwaye wenze umntu abe mncinci nangayiphi na indlela ngokwenzakalisa umntu. Konke oku kwenzelwa ukunceda ukukhusela Umntu Oxinzelelayo.

Uxinzelel kuthetha injongo eyenzakalisayo okanye isenzo ongakwaziyo ukusilwa. Xa unokwenza nantoni na ngayo, ayicinezeli.

Uxinzelelo ngohlobo lwayo olulula kukususa ukuzithemba komntu kuye.

Phambi koxinzelelo, wenza iimpazamo.

Abantu abenza iimpazamo okanye benze izinto zobudenge bubungqina bokuba Umntu Oxinzelelayo ukhona ubangqongile.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.