IZISEKO ZOKUCWANGCISA
ii-asethi: izinto ezizezenkampani okanye zeshishini ziquka izakhiwo, umhlaba, izinto ezinokuthengiswa, oomatshini, njl. njl.
i beingness: isiphumo sokuba ungumntu okhoyo. Kungathiwa yindima emdlalweni kwaye nomzekelo we beingness ingaligama lomntu. Omnye umzekelo inokuba ngumsebenzi womntu. Omnye umzekelo ingaziimpawu zomntu zomzimba. Inye okanye zonke ezi zinto zinokubizwa ngokuba yi beingness. I beingness ithathwa ngesiqu sakho okanye uyinikwe okanye uzifumanele. Umzekelo, ekudlaleni umdlalo umdlali ngamnye une beingness yakhe.
unxibelelwano: ukutshintshiselana ngezimvo phakathi kwabantu.
i doingness: ukwenza isenzo okanye intshukumo.
ngokuphumelelayo: ngendlela evelisa isiphumo okanye injongo elindelekileyo.
injineli: umntu oqhuba injini kaloliwe, umatshini omkhulu otsala oololiwe kwimizila yabo.
nabaziphethe: ukwenza ngokwemigaqo yokuziphatha ngokuchanekileyo.
umdla wokusebenza: isimo sengqondo kunye nesoluvo somntu okanye iqela kunye nobungakanani bomdla abawubonisayo kumsebenzi ababandakanyeka kuwo.
iposti: isikhundla, umsebenzi okanye umsebenzi umntu awabelweyo okanye achongelwe kuso.
iposti: nika okanye chongela abantu kwizikhundla okanye kwimisebenzi, njengakwi Org Board okanye kwimidlalo yokuziqhelanisa.
Umlungiseleli Wombhaki: umntu omsebenzi wakhe ikukulungisa izithako, njengomgubo kunye neswekile, ezizakusetyenziswa ngumbhaki ukwenza isonka, amaqebengwana, njl. njl.
azihambise: khokela umntu okanye into ngendlela ethile okanye umjelo.
ekhethekileyo: enxulumene nohlobo oluthile lomsebenzi, into ekufuneka yenziwe, njl. njl.
inkqubo: indlela elungelelanisiweyo okanye inkqubo yokwenza into.
ukuphumelela: ukubanakho kombutho ukuzixhasa nokuqhubeka ukho, umzekelo, ngokutshintshisa ngemveliso zawo ufumane izinto ozidingayo.
iyasebenza: iyasebenza kwaye iyakwazi ukusetyenziswa ngokufezekileyo.